- Musani ukuphazama: “Incoko embi iyasonakalisa isimilo esihle.”
- Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,
iyiphulaphule imithandazo yawo.
Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi. - Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.
- Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.
- Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.
- Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.
- Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;
nezisemnyameni izinto yena uyazazi.
Ngenene yena ulikhaya lokukhanya. - Mkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho,
ngoku ingekafiki imihla yeenkathazo,
ingekasondeli neminyaka apho uya kuthi: “Akukho nto imnandi ekudleni ubomi.” - Abo bantliziyo zinenkohliso ngabo abacebi bobubi;
kambe ke abakhuthaza uxolo bazuza ulonwabo. - UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, ungayenza into oyenzayo kwinto yonke anayo, kodwa uze ungakhe ulinge umchukumise yena siqu.” USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo.
- Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.
- Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?
- Makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki. - Sanukuhamba ekhondweni looyihlo-mkhulu, bona babexelelwa ngabashumayeli bamandulo besithi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Guqukani kwiindlela zenu zobubi, nahlukane nemisebenzi yobugwenxa. Kambe ke abazange bandiphulaphule, bengazange bandithobele,’ utsho uNdikhoyo.
- Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.
- Uewe wenu makabe nguewe, nohayi abe nguhayi. Okugqithe koko kuvela kongendawo.
- Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;
unyawo lwakho malubucezele ububi. - Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.
- Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo.
- Uthando aluvuyiswa bububi, luvuyiswa yinyaniso. Uthando aluncami; lukholwa zizinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.
- Nina ke senihlambulukile yimfundiso endinifundise yona.
- Wathi ke uNdikhoyo uThixo: “Umntu ngoku unjengathi, uyakwazi ukucalula okuhle kokubi. Kuya kuthini ke xa athe wakha, watya kumthi wobomi, aze aphile angaze afe?” UNdikhoyo uThixo wamgxothela ngaphandle komyezo umntu, wamenza umlimi womhlaba avele kuwo.
- Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.
- Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.
- Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba. Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo. Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
UMtyholi
Hlalani nithe qwa, nilumke!...
Ukulunga
Ndaweni yaloo nto yenzelanani...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Izithixo
Bantwana bam, zilumkeleni izithixo!...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Onomonde ulungile kunegorha;olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.Ivesi elandelayo!