- Ewe, uNdikhoyo ulungile:
ungumqolomba ngamaxesha eenkathazo;
ubakhathalele abo bathembele kuye. - Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini. Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! Amen.
- Khanifunde ukwenza okusesikweni;
zonke izinto zenzeni ngokomthetho.
Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;
kanti neenkedama zilungiseleleni;
ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi. - UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa. - Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe. - Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye. - Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,
aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye. - Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,
kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale. - Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kugqatswa lilanga, bengayi kuva bushushu. Kaloku iXhwane elimi esazulwini sebhotwe liza kubalúsa, libaqhubele kwimithombo yamanzi aphilisayo. Wobasul' iinyembezi uThixo.
- Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;
ndilondoloze ngenceba nenyaniso. - Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.
- NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;
nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo. - Ungasiyekeli ekulingweni,
koko sihlangule kumtyholi;
kuba ngenene nguwe olawulayo,
namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen. - Ukuba umntu uyayonakalisa indlu kaThixo, uThixo uya kumohlwaya, kuba indlu kaThixo ingcwele – nina ke niyiloo ndlu.
- Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,
aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo. - Uthando aluvuyiswa bububi, luvuyiswa yinyaniso. Uthando aluncami; lukholwa zizinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.
- Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe. - UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, ungayenza into oyenzayo kwinto yonke anayo, kodwa uze ungakhe ulinge umchukumise yena siqu.” USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo.
- UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,
umxhasi wabahlolokazi neenkedama.
Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa. - Ndikhoyo, uyabathamsanqela abakuthobelayo,
ubafukamele ngobubele ngathi bagqunywe ngekhaka. - Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;
undigxothela ubumnyama, wena Thixo. - Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,
nina benza umyalelo wakhe.
Zingelan' ubulungisa nentobeko,
mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
ILizwi likaThixo
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza...