- Ewe, uNdikhoyo ulungile:
ungumqolomba ngamaxesha eenkathazo;
ubakhathalele abo bathembele kuye. - NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo. - Khanifunde ukwenza okusesikweni;
zonke izinto zenzeni ngokomthetho.
Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;
kanti neenkedama zilungiseleleni;
ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi. - UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa. - Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe. - Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye. - Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,
aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye. - Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;
ndilondoloze ngenceba nenyaniso. - Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kugqatswa lilanga, bengayi kuva bushushu. Kaloku iXhwane elimi esazulwini sebhotwe liza kubalúsa, libaqhubele kwimithombo yamanzi aphilisayo. Wobasul' iinyembezi uThixo.
- Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,
kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale. - Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.
- Ukuba umntu uyayonakalisa indlu kaThixo, uThixo uya kumohlwaya, kuba indlu kaThixo ingcwele – nina ke niyiloo ndlu.
- NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;
nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo. - Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,
aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo. - Ungasiyekeli ekulingweni,
koko sihlangule kumtyholi;
kuba ngenene nguwe olawulayo,
namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen. - Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe. - Uthando aluvuyiswa bububi, luvuyiswa yinyaniso. Uthando aluncami; lukholwa zizinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.
- Ndikhoyo, uyabathamsanqela abakuthobelayo,
ubafukamele ngobubele ngathi bagqunywe ngekhaka. - UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,
umxhasi wabahlolokazi neenkedama.
Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa. - UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, ungayenza into oyenzayo kwinto yonke anayo, kodwa uze ungakhe ulinge umchukumise yena siqu.” USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo.
- Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;
undigxothela ubumnyama, wena Thixo. - Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,
nina benza umyalelo wakhe.
Zingelan' ubulungisa nentobeko,
mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo. - Ilungisa alisoze ligungqe,
laye lingasoze lilibaleke.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo yomthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeniphatha umngena-ndlwini xa uya kubo.Ivesi elandelayo!
