DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

uMoya oyiNgcwele (2/2)

  • Kaloku udaba lukaThixo aluzanga ngokuzithandela komntu, koko abantu baluthetha udaba lukaThixo beqhutywa lifuthe loMoya oyiNgcwele.
  • Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?
    Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
    Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;
    nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.
  • Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe, kwathi ethandaza, lavuleka izulu, wehlela phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe!”
  • Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi uNdikhoyo,
    kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.
    Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,
    ndibophe abantliziyo zingamahlwili,
    ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,
    ndazise inkululeko kumabanjwa.
  • Ndithe ke ndakushumayela wehla kwangoko uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, njengoko wehlayo nakuthi kuqala.
  • Wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.
  • Othe wathetha ilizwi elichasene naye uNyana woLuntu uya kuxolelwa, kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa kweli phakade nakwelizayo.
  • Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’
  • Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele.”
  • Aba bantu bamkele uMoya oyiNgcwele njengoko samamkelayo nathi. Ngenene ke akukho namnye umntu ongalayo ukuba aba bantu babhaptizwe ngamanzi.
  • Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.
  • Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.
  • Ke kaloku ibandla kulo lonke elakwaJuda naseGalili naseSamariya lazola, kungekho ntshutshiso. Laba nenkqubela, lakhula nangamanani, limhlonela uThixo, likhuthazwa nguMoya oyiNgcwele.
  • Ke ngoko, ndithi kuni, zonke izono nezinyeliso baya kuzixolelwa abantu, kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele akuyi kuxolelwa.
  • Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.”
  • Ukuzalwa kukaYesu Krestu kwakungolu hlobo: UMariya, unina, wayesendela kuJosefu, bengekatshati, kwabonakala ukuba uMoya oyiNgcwele wenze ukuba abe nzima.
  • Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;
ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela