- Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.
- Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.
- Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.
- Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba. - Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?
- Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.
- Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,
ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo. - Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
- Kodwa ngenxa yaloo mfobe yakho wena akubatshitshisanga;
wena zange ubalahle, Thixondini onesisa nenceba. - Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.
- Ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,
engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo? - Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo.
- Kuba kaloku ilungelo lenu njengabamanywe noKrestu alipheleli ekukholweni kuye kuphela, koko lifikelela nasekubeni nive ubunzima ngenxa yakhe.
- Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.
- Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani. - Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala. - Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.”
- ‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,
kuba ndinenceba.’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.’ - Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,
netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.
Maliguquke, lize kuNdikhoyo;
yena wosuka abe novelwano lilo.
Malize kuThixo wethu,
kuba yena uxolela kangangoko. - Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
- Ke yena umqokeleli-rhafu wayemi qelele, engathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe. Wayemana eziphothula izandla, esithi: ‘Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.’
- Ke kaloku uThixo wasibona isenzo sabo nokwahlukana kwabo neendlela zabo ezimbi. Ngoko ke uThixo wayijika ingqondo yakhe, akabi sabatshabalalisa njengoko wayezimisele.
Izihloko ezinxulumeneyo
Inceba
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
