DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ubabalo (2/2)

  • Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.
  • Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.
  • Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
    kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.
  • Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.
  • Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?
  • Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.
  • Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
  • Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.
  • Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,
    ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo.
  • Kodwa ngenxa yaloo mfobe yakho wena akubatshitshisanga;
    wena zange ubalahle, Thixondini onesisa nenceba.
  • Ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,
    engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?
  • Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo.
  • Kuba kaloku ilungelo lenu njengabamanywe noKrestu alipheleli ekukholweni kuye kuphela, koko lifikelela nasekubeni nive ubunzima ngenxa yakhe.
  • Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.
  • Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.
    Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani.
  • Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.”
  • Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
    koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
    Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
    kaloku yena unesisa kwanemfobe,
    uza kade umsindo,
    yimvuze-mvuze ngobubele;
    ewe, unebuyambo, akananqala.
  • Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,
    netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.
    Maliguquke, lize kuNdikhoyo;
    yena wosuka abe novelwano lilo.
    Malize kuThixo wethu,
    kuba yena uxolela kangangoko.
  • ‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’
    Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
    ‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,
    kuba ndinenceba.’
    Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
    Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.’
  • Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
  • Ke yena umqokeleli-rhafu wayemi qelele, engathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe. Wayemana eziphothula izandla, esithi: ‘Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.’
  • Ke kaloku uThixo wasibona isenzo sabo nokwahlukana kwabo neendlela zabo ezimbi. Ngoko ke uThixo wayijika ingqondo yakhe, akabi sabatshabalalisa njengoko wayezimisele.