- ‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,
kuba ndinenceba.’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.’ - Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,
ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo. - Kodwa ngenxa yaloo mfobe yakho wena akubatshitshisanga;
wena zange ubalahle, Thixondini onesisa nenceba. - Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,
abo bazono zabo zingcwatyiweyo. - Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo.”
- Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
- Ewe, uNdikhoyo uthi:
“Yizani, khe sithetha-thethane.
Noba sewudyobheke wankone sisono,
mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;
kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,
mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.” - Othe wathetha ilizwi elichasene naye uNyana woLuntu uya kuxolelwa, kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa kweli phakade nakwelizayo.
- Ke ngoko, ndithi kuni, zonke izono nezinyeliso baya kuzixolelwa abantu, kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele akuyi kuxolelwa.
- Nangoku wobuya uvelane nathi,
izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
uzilahle lee iziphoso zethu,
uzintywilisele enzulwini yolwandle. - UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”
Baza benza amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe. - Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo,
nithethe naye nithi:
“Sixolele bonke ubugwenxa bethu,
uze wamkele okulungileyo;
endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.” - Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono.”
- Ewe, ngokomthetho phantse yonke into ihlanjululwa ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho ukuxolelwa kwezono.
- Bâthetha ngaye bonke abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.
- Ke kaloku uThixo wasibona isenzo sabo nokwahlukana kwabo neendlela zabo ezimbi. Ngoko ke uThixo wayijika ingqondo yakhe, akabi sabatshabalalisa njengoko wayezimisele.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Uguqulo
Ukuba abantu bam abo...
Inguquko
Ukuba abantu bam abo...
Inceba
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
UNdikhoyo ngumqolomba:bazimela kuye abalungisayo, basinde.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”Ivesi elandelayo!