- Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,
ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso. - Kwesi sithuba ke uYobi waphakama, wakrazula umnweba wakhe, wayigugula intloko yakhe, waza ke wee guqaqa wanqula, wathi:
“Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé.
NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo.
Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!” - Wena Thixo woobawo, ndiyakudumisa,
ndikubulela kuba wena undizimasile.
Undithe jize ngobulumko namandla.
Nangoku wena undityhilele,
wawuphendula umthandazo wethu.
Ewe, usityhilele le nto ifunwa ngukumkani. - Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto!
- Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ukucula
Kodwa ke mna ndiya...
Umphefumlo
Niya kuthi ke nakumfuna...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Umbulelo
Vuyani maxa onke, nithandaze...