- Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?
- Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.
- Nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.
- Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;
ngako oko ndiya kukholosa ngaye.” - Yakukhula ingeniso bayanda nabaxhomekeke kuyo,
ibe yintoni ke ezuzwa ngumniniyo?
Kuphela uyitya ngamehlo! - Ndafumanisa ukuba into eyenza abantu babulaleke bazabalaze kangaka kukuxhalela abamelwane. Kambe ke naleyo ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.
- Waphendula wathi kuzo: “Lowo uneengubo ezimbini makanike ongenáyo. Nalowo unokutya makenjenjalo.”
- Kusenokwenzeka ukuba ubutyebi bomntu bube yintlawulo yobomi bakhe;
kanti ke lona ihlwempu alazani nokugrogriswa. - Ndanondla natsho nahlutha,
nathi ningahlutha nakhukhumala;
ewe, nasuka nandilibala. - Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ukubawa
Umntu oyinyolukeleyo imali soze...
Iminqweno
Nantsi ke into endithetha...
Ubuhlwempu
UYesu wathi kuye: “Ukuba...
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
Ukwaneliseka
Ndiyazana nokuswela, kanti ke...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Uthetha ngelizwi athi:“Phezani, ndim uThixo.
Ndizivelele izizwe;
nehlabathi ndilikrobele.”