- Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.
- Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu,
ukulingana noThixo akakubawelanga
kangangokude afune ukusunduzana naye.
Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena,
wathatha isimo sesicaka,
waba ngumntu ncakasana.
Engumntu ebantwini,
wazambesa intobeko,
ntobeko leyo yamsa ekufeni –
ukufa kwasemnqamlezweni. - Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.
- Kaloku yena uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.
- Makabaluleke yena, ndinciphe mna.
- Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.
- Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.
- Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele.
- Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
- Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”
Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.” - Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.
- Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.
- Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.”
- Kuba kaloku ubume bobomi bukaThixo bukho ngokupheleleyo kuKrestu ongumntu; yaye ke nimanywe naye nje, niphiwe ubomi obupheleleyo. Kaloku yena yintloko: liphantsi kwakhe lonke igunya namandla.
- Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo. - Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo umthetho kaMosis.
- Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu.
- Ukuba ihlabathi lithe lanithiya, ze nikhumbule okokuba lathiya mna kuqala.
- Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi.
- Abantu basidelile basibukula,
saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu.
Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so;
saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela. - Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.
- Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.
- Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,
wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,
ukuze bonke abaphilayo,
ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,
bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu. - ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.
- Kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.
Izihloko ezinxulumeneyo
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukubethelwa emnqamlezweni
Izono zethu wazithathela kuye...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Khawukhangele ukubukeka nomkhithawokuhlala kwezalamane ngemvano!
