- ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.
- Nabu ke obo bungqina: bukukuba uThixo usinike ubomi obungenasiphelo, bomi obo sibuzuza ngokumanywa noNyana.
- Nindazi nje mna, niyamazi noBawo. Ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.
- Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu.
- Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!”
- Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
- Akukho mntu unokuloyisa ihlabathi ngaphandle kwalowo ukholwayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo.
- Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.
- Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.
- Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.”
- Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.
- Khumbulani ixabiso enakhululwa ngalo kwintlalo ebingento yookhokho benu. Anihlawulelwanga nganto itshitshayo, ifana nesiliva negolide. Nahlawulelwa ngegazi elixabisekileyo leXhwane elinguKrestu ongenasisihla nasiphako.
- Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.
- Ze ningabi ndizise uxolo ehlabathini. Hayi, andizisanga luxolo, koko ndizise imbambano.
- Nindibiza ngokuthi: ‘Mfundisi,’ okanye: ‘Nkosi’. Niyakholisa ukutsho, kuba kunjalo.
- Lo Yesu ngulowo zithi iziBhalo xa zithetha ngaye:
“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhi
laba lelona litye lesiseko.’” - Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.
- Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”
- Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo.
- Lowo woyisileyo uya kuba nenxaxheba ebhotwe. Kaloku nam ndoyisa ndaza ndafumana inxaxheba yokungqendeva noBawo ebhotwe.
- Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.
- Siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile wasinika ukuqonda, ukuze simazi uThixo onguye ngenene. Thina simanywe nalowo unguThixo ngenene, kuba kaloku simanywe noNyana wakhe uYesu Krestu. Yena ke unguThixo ngenene; nguye obona bomi bungenasiphelo.
- Ndibazisile ngawe, ndaye ndisaya kwenjenjalo, ukuze uthando ondithanda ngalo mna lumile kubo, nam ndihlale ndimanyene nabo.
- Kuba kaloku oko besisengama-athalala, uKrestu uthe ngexesha elimiswe nguThixo, wabafela abangamhloneliyo uThixo.
- Ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.
Izihloko ezinxulumeneyo
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukubethelwa emnqamlezweni
Izono zethu wazithathela kuye...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
