- Kodwa kungenxa yesi sizathu kanye ukuba uThixo andenzele inceba, ukuze umonde kaKrestu Yesu ubonakale ngokupheleleyo ngam. Undibizile, nangona ndingobalaseleyo nje umoni, ukuze ndibe ngumzekelo kubo bonke abasaza kukholwa kuye bafumane obona bomi bungenasiphelo.
- Yinjongo yakhe uThixo ukuyazisa kubantu bakhe le mfihlelo ixabiseke kunene, iqaqambileyo, ayilungiselele uluntu luphela. Yiyo le ke loo mfihlelo: uKrestu ungaphakathi kuni, ulithemba lewonga eniya kulifumana kuThixo.
- Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.
- Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.
- Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu.
- Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.
- Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.
- Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!
- Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”
Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu! - Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane.
- Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.
- Yaye ndiqinisekile ngale ndawo yokuba lo msebenzi mhle awuqalileyo uThixo kuni, uya kude awuqabelise ngeMini kaKrestu uYesu.
- Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.
- Ngosuku lokugqibela, olo ke lulolona lubalulekileyo lwetheko, wema uYesu, wathetha ngelivakalayo esithi: “Onxaniweyo makeze kum asele.”
- Waza uYesu wathi: “Ndisaza kuba nani ithutyana, ndize ndimke, ndiye kulowo undithumileyo.”
- Khawukhangele, nanko esiza ekhatshwa ngamafu! Lonke uluntu luya kumbona, nkqu nabo bâmhlabáyo. Ewe, zonke izizwe ziya kungqukruleka zizisola. Injalo ke loo nto! Amen.
- Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
- Kaloku siyakholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka. Ngokukwanjalo ke nâbo bafe bemanywe noYesu uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu.
- Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.
- INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.
- Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam.
- Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana.
- Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.
- Ke yena uYesu unikwe ububingeleli obuphakamileyo kunobabo. Kanti ke nomnqophiso awuzakuzelayo phakathi koThixo nabantu ukwamkhulu, ngenxa yokubaluleka kwezithembiso osekelwe phezu kwazo.
- Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.
Izihloko ezinxulumeneyo
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukubethelwa emnqamlezweni
Izono zethu wazithathela kuye...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho.Ivesi elandelayo!
