- UNdikhoyo unenceba nesisa;
uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele. - Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;
ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.
Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,
kodwa kusasa kuba yimincili yodwa. - Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,
luya kubalasela uthando lwakho.
Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye. - Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo, ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko, nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke.
- Nize ningabi nanqala mntwini. Mkhalimele umntu owonayo, hleze nawe ube netyala. Ze ningaziphindezeli mntwini, okanye nimbambe isixhiba, koko nina mthandeni ummelwane wenu, kanye ngale ndlela nizithanda ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.
- Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.
- Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.
- Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.
- Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.
- Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo. - Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.
- Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.
- “Ewe, iintaba zingadilika,
ke zona iinduli zinyamalale,
kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo. - Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.
- Izibele zakho zibalasele ezulwini;
ukuthembeka kwakho kurhec' amafu. - Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.
- Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”
- Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.
- Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo.
- Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.
- Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.
- Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe. - Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
- Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.
- Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Xa ndandinxubile, ndixhalabile,wandithuthuzela, wandonwabisa wena.Ivesi elandelayo!
