- Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?
- Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Wisani izigwebo ezinyanisekileyo, nenzelane ububele nenceba omnye nomnye. Musani ukubacinezela abahlolokazi neenkedama, ngokunjalo nabangeneleli kunye namahlwempu, ningayili ububi ezintliziyweni zenu omnye komnye.’
- Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’
- Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.
- Kaloku xa omnye ethe wawa omnye unokuphakamisa ugxa wakhe. Mawoo ke lowo uyedwa xa athe wawa! Akukho bani unokumphakamisa.
- Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu.
- Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.
- Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.
- Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.
- Ungaze wahlukane nezihlobo zakho, ungazilibali nezakowenu.
Xa usengxakini sukubalekela kumntakwenu –
isenokuba ngummelwane osondeleyo onokukunceda ngaphezulu komntakwenu okude. - Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo, ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko, nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke.
- Naku okona kuzila ndikufunayo:
Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;
niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,
bakhululwe bonke abacinezelwa,
niyaphule idyokhwe yengcinezelo. - Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.
- Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.”
- Lamla, Ndikhoyo; caca ukuba unguThixo!
Sukubalibal' abantw' abahlelelekileyo! - Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.
- Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo.
- Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,
nibonelele iintsizana namahlwempu. - Waphendula wathi kuzo: “Lowo uneengubo ezimbini makanike ongenáyo. Nalowo unokutya makenjenjalo.”
- Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.
- Bahlonele abahlolokazi; ndithetha abahlolokazi ngenene.
- Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu.
- NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?
- Ndafumanisa ukuba into eyenza abantu babulaleke bazabalaze kangaka kukuxhalela abamelwane. Kambe ke naleyo ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.
- Waza ke uPetros wagcinwa entolongweni apho, kodwa amaKrestu wona azingisa ukumthandazela kuThixo, lo gama avalelweyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ubulali
Bazeleleleni bonke abantu. INkosi...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukuzingca
Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.