DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ukuphulaphula (2/2)

  • Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu.
  • Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,
    wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.
  • Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
    ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
    UThixo wam yena uya kundiva.
  • UNdikhoyo uthi:
    “Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.
    Kanti ndilindele abangandifuni nganto.
    Ndandisithi bokhala kum;
    kwathi kanti bona abakhw' apho.
    Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’
    Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.”
  • Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.
  • Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.
  • Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
    ndikhala kuwe ndibindekile.
    Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
    usiphulaphule isikhungo sam.
  • Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,
    iyiphulaphule imithandazo yawo.
    Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.
  • Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
    walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.
  • Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi;
    kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala.
  • Ngoko ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni lugcineni ezintliziyweni zenu. Ukuba ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni luhleli kuni, nani niya kusoloko nimanyene noNyana ngokunjalo noYise.
  • Sanukuhamba ekhondweni looyihlo-mkhulu, bona babexelelwa ngabashumayeli bamandulo besithi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Guqukani kwiindlela zenu zobubi, nahlukane nemisebenzi yobugwenxa. Kambe ke abazange bandiphulaphule, bengazange bandithobele,’ utsho uNdikhoyo.
  • Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho. Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.
  • Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda,
    ndiyihlangule indlu kaJosefu.
    Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo;
    kaloku mna ndinenceba ngabo.
    Boba ngathi zange ndibalahle.
    Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo,
    ndaye ke ndobaphendula.
  • Ukuba úthe akabeva nâba, xelela ibandla. Ukuba ke úthe akaliva ibandla, kuwe makabe njengâbo ungenabudlelane nabo mpela.
  • Umntu ozivalayo iindlebe zakhe kuwo umthetho kaThixo
    kwaumthandazo wakhe uyanyanyeka kuThixo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela