- Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu; unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano; umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
- Wena, Ndikhoyo, uhleli ngonaphakade;
ulawulo lwakho luhlala luhleli izizukulwana ngezizukulwana. - Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.
- Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!
- UYesu wayelityhutyha lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zesikhungo, evakalisa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo zonke nemikhuhlane yonke.
- Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.
- Kwakulawula umthetho kaMosis nezibhalo zabashumayeli bamandulo kwada kwaba yimihla kaYohane umbhaptizi. Ukususela ngoko kushunyayelwa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo oluthwasileyo. Ke bonke beza kulo begxalathelana.
- Wathi ke yena uYesu: “Asibobeli hlabathi ubukhosi bam. Xa bekunjalo amaphakathi am ebeya kundilwela, ukuze ndingabanjwa ngamaJuda, kodwa ke asibobalapha ubukhosi bam.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukuvangela
Thina kaloku sanikwa lo...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Umhlaba
Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.
