DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

2024 Janyuwari 31

INdumiso 42:1 - XHO96
Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndiya kuba ndibonisa ubungangamsha bam; ndibe ke ndiyazazisa kwintlaninge yezizwe. Baya kuqonda ukuba mna ndinguNdikhoyo.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela