DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Janyuwari 2024)

2024 Janyuwari 31, Lwesithathu

Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.

2024 Janyuwari 30, Lwesibini

Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

2024 Janyuwari 29, Mvulo

Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.

2024 Janyuwari 28, Cawe

Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile.

2024 Janyuwari 27, Mgqibelo

Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.

2024 Janyuwari 26, Lwesihlanu

“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

2024 Janyuwari 25, Lwesine

Ngenene uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;
obakhe ubukhulu abuphengululeki.

2024 Janyuwari 24, Lwesithathu

Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.

2024 Janyuwari 23, Lwesibini

Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.

2024 Janyuwari 22, Mvulo

Ke mna ndonikela kuwe ngedini,
ndihlabele iculo lokukudumisa.
Ndosifezekisa isibhambathiso sam.
Usindiso lukuNdikhoyo.

2024 Janyuwari 21, Cawe

Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

2024 Janyuwari 20, Mgqibelo

Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.

2024 Janyuwari 19, Lwesihlanu

Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,
aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho.

2024 Janyuwari 18, Lwesine

Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.

2024 Janyuwari 17, Lwesithathu

Mna ke ngoko ndithi kuni: Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.

2024 Janyuwari 16, Lwesibini

Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo.

2024 Janyuwari 15, Mvulo

Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

2024 Janyuwari 13, Mgqibelo

Sifundise ukuyiqingqa imihla yethu,
ukuze sizuze ubulumko.

2024 Janyuwari 12, Lwesihlanu

Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.

2024 Janyuwari 11, Lwesine

Wena ke, shumayela ngendlela engqinelana nemfundiso ephilileyo.

2024 Janyuwari 10, Lwesithathu

Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,
akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo.

2024 Janyuwari 9, Lwesibini

Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen.

2024 Janyuwari 8, Mvulo

Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

2024 Janyuwari 7, Cawe

NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;
nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo.

2024 Janyuwari 6, Mgqibelo

Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.

2024 Janyuwari 5, Lwesihlanu

Njengoko ungayazi indlela yomoya,
ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina,
kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke.

2024 Janyuwari 4, Lwesine

Umntu ozivalayo iindlebe zakhe kuwo umthetho kaThixo
kwaumthandazo wakhe uyanyanyeka kuThixo.

2024 Janyuwari 3, Lwesithathu

Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo. Nayiphi na into embi yityesheleni.

2024 Janyuwari 2, Lwesibini

Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.

2024 Janyuwari 1, Mvulo

Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.
Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;
ndihleli ndikulindele imini yonke.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Qinani nibe nesibindi, nonke nina nithembele ngoNdikhoyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela