DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2024)

2024 Februwari 29, Lwesine

Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.

2024 Februwari 28, Lwesithathu

Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva.

2024 Februwari 27, Lwesibini

Ewe, uNdikhoyo uthi:
“Yizani, khe sithetha-thethane.
Noba sewudyobheke wankone sisono,
mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;
kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,
mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.”

2024 Februwari 26, Mvulo

Akukho bani uthi, esilumekile isibane, asigqume ngesitya, okanye asifake ngaphantsi kwebhedi. Usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe.

2024 Februwari 25, Cawe

Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu.

2024 Februwari 24, Mgqibelo

Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke;
ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho.

2024 Februwari 23, Lwesihlanu

Ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam.

2024 Februwari 22, Lwesine

Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.

2024 Februwari 21, Lwesithathu

Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;
ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.

2024 Februwari 20, Lwesibini

Ke kaloku nakhululwa ngesisa sikaThixo ngokholo; anikhululwanga ngemizamo yenu. Ewe, kungenxa yesisa sikaThixo. Ngoko ke akukho nto ubani angaziqhayisa ngayo, kungekho migudu yakhe nje.

2024 Februwari 19, Mvulo

Ngoko ke mhloneleni uNdikhoyo. Ze nigwebe ngenyameko, kuba yena uNdikhoyo uThixo wethu akayenzi into engekho mthethweni; akanagobe, yaye ke akanyobeki.

2024 Februwari 18, Cawe

Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,
kunokuba uthembele ngomntu.

2024 Februwari 17, Mgqibelo

Kodwa ngoku, ngokumanywa noKrestu, nina kanye enanikade nikude lee, nisondeziwe ngokuphalala kwegazi likaKrestu.

2024 Februwari 16, Lwesihlanu

Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”

2024 Februwari 15, Lwesine

Njengokuphakama kwezulu emhlabeni
ziphakamile neendlela zam kunezenu,
kanti ke zikwanjalo neengcinga zam.

2024 Februwari 14, Lwesithathu

Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.

2024 Februwari 13, Lwesibini

Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.

2024 Februwari 12, Mvulo

Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,
kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo.

2024 Februwari 11, Cawe

Kuba kaloku ilungelo lenu njengabamanywe noKrestu alipheleli ekukholweni kuye kuphela, koko lifikelela nasekubeni nive ubunzima ngenxa yakhe.

2024 Februwari 10, Mgqibelo

Othe wabuzuza ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe walahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam, wobuzuza.

2024 Februwari 9, Lwesihlanu

Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile.

2024 Februwari 8, Lwesine

Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?

2024 Februwari 7, Lwesithathu

Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.

2024 Februwari 6, Lwesibini

Thembela kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;
uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva.

2024 Februwari 5, Mvulo

INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.

2024 Februwari 4, Cawe

Ngokwenjenjalo ke uNdikhoyo uThixo wethu wasiyalela ukuba siyithobele le mimiselo simhlonele, size ke silungelwe bonke ubomi bethu, siphile njengokuba kunjalo namhlanje.

2024 Februwari 3, Mgqibelo

Isiyatha asiwulawuli umsindo;
kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe.

2024 Februwari 2, Lwesihlanu

Ke uNdikhoyo uya kuba ngukumkani wehlabathi jikelele. Ewe, ngaloo mini iya kuba nguNdikhoyo yedwa, igama lakhe libe kuphela kwagama elitshatsheleyo.

2024 Februwari 1, Lwesine

UYesu wathi kuye: “Bendingatshongo na kuwe okokuba uya kuwabona amandla kaThixo ukuba uyakholwa?”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.”Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela