DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Matshi 2024)

2024 Matshi 31, Cawe

Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa. Kaloku babengaliqondi ilizwi leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni.

2024 Matshi 30, Mgqibelo

Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!

2024 Matshi 29, Lwesihlanu

Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.

2024 Matshi 28, Lwesine

Bakugqiba ukutya wayithatha kwangokunjalo nendebe, wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa kukuphalala kwegazi lam.”

2024 Matshi 27, Lwesithathu

Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini. Ngoku ke ndiyemka ehlabathini; ndiya kuBawo.

2024 Matshi 26, Lwesibini

Njengoko abantu bâthi ngokumanywa kwabo noAdam bafa bonke, ngokunjalo nangokumanywa kwabo noKrestu baya kuvuka bonke.

2024 Matshi 25, Mvulo

NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;
ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.
Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,
ndimbonge ngengoma.

2024 Matshi 24, Cawe

Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!
Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
ethobekile, ekhwele idonki,
nditsho ithole, inkonyane yedonki.

2024 Matshi 23, Mgqibelo

NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.

2024 Matshi 22, Lwesihlanu

Ewe, uNdikhoyo ulungile:
ungumqolomba ngamaxesha eenkathazo;
ubakhathalele abo bathembele kuye.

2024 Matshi 21, Lwesine

Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.

2024 Matshi 20, Lwesithathu

Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo.

2024 Matshi 19, Lwesibini

Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,
abo bazono zabo zingcwatyiweyo.

2024 Matshi 18, Mvulo

Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.

2024 Matshi 17, Cawe

Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.

2024 Matshi 16, Mgqibelo

Ke wena ubathi jize ngenzolo
abo banjongo zingajika-jikiyo,
kuba behlala bekholose ngawe.

2024 Matshi 15, Lwesihlanu

Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!”

2024 Matshi 14, Lwesine

Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.

2024 Matshi 13, Lwesithathu

Ndibhenela kuwe, Thixo wam:
khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.

2024 Matshi 12, Lwesibini

Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.

2024 Matshi 11, Mvulo

Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.

2024 Matshi 10, Cawe

Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,
koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.
Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,
ikwandisele iminyaka noxolo.

2024 Matshi 9, Mgqibelo

Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.

2024 Matshi 8, Lwesihlanu

Nanku ke umlomo weNkosi uNdikhoyo: Ngaba kuyandikholisa na ukufa komntu okhohlakeleyo? Hayi bo, into endikholisayo kukuba azijike iindlela zakhe, aze adle ubomi.

2024 Matshi 7, Lwesine

Lamla, Ndikhoyo; caca ukuba unguThixo!
Sukubalibal' abantw' abahlelelekileyo!

2024 Matshi 6, Lwesithathu

Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.

2024 Matshi 5, Lwesibini

Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.

2024 Matshi 4, Mvulo

Abazukulwana libhongo lookhokho,
kanti ke igugu labantwana ngabazali.

2024 Matshi 3, Cawe

Kunjengoko neziBhalo zisitsho ukuthi: “Ngoko ke indoda iya kumshiya uyise nonina, imanywe nomfazi wayo, baze abo babini badibane babe banye.”

2024 Matshi 2, Mgqibelo

Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.

2024 Matshi 1, Lwesihlanu

Iyandivuyisa intando yakho, Thixo wam;
umthetho wakho ndiwumilisele entliziyweni.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela