DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2024)

2024 Epreli 30, Lwesibini

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

2024 Epreli 29, Mvulo

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

2024 Epreli 28, Cawe

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

2024 Epreli 27, Mgqibelo

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

2024 Epreli 26, Lwesihlanu

Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam.

2024 Epreli 25, Lwesine

Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

2024 Epreli 24, Lwesithathu

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

2024 Epreli 23, Lwesibini

Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;
kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.

2024 Epreli 22, Mvulo

Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

2024 Epreli 21, Cawe

Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!

2024 Epreli 20, Mgqibelo

Hayi bo! Mayingabi sithi, Ndikhoyo;
ewe, makudunyiswe igama lakho,
ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!

2024 Epreli 19, Lwesihlanu

Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

2024 Epreli 18, Lwesine

Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.

2024 Epreli 17, Lwesithathu

Ukumthobela uNdikhoyo kukubuthiya ububi.
Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,
ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.

2024 Epreli 16, Lwesibini

Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?

2024 Epreli 15, Mvulo

Ewe, ngokomthetho phantse yonke into ihlanjululwa ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho ukuxolelwa kwezono.

2024 Epreli 14, Cawe

Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,
andiyi kuba naluvalo konke.
Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,
ndiya kuthembela ngoNdikhoyo.

2024 Epreli 12, Lwesihlanu

Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.

2024 Epreli 11, Lwesine

Kaloku umgwebi wethu nguNdikhoyo;
ewe, uNdikhoyo yena uyasilawula.
Ikumkani yethu nguNdikhoyo;
nguye oya kusisindisa.

2024 Epreli 10, Lwesithathu

Niyabona, uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.

2024 Epreli 9, Lwesibini

Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.

2024 Epreli 8, Mvulo

Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo,
aze amhluthise ngokulunga olambileyo!

2024 Epreli 7, Cawe

Nokuba ke nenza ntoni na, nokuba niyatya, nokuba niyasela, yenzelani udumo lukaThixo.

2024 Epreli 6, Mgqibelo

Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.

2024 Epreli 5, Lwesihlanu

Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;
kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.

2024 Epreli 4, Lwesine

UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.”

2024 Epreli 3, Lwesithathu

Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.

2024 Epreli 2, Lwesibini

UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;
lizele ihlabathi zizibele zakhe.

2024 Epreli 1, Mvulo

“Ndim isiqalo nesiphelo,” itsho iNkosi uThixo, uSomandla, uNdikhoyo, owayekho, lowo uya kusoloko ekho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela