DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Meyi 2024)

2024 Meyi 19, Cawe

Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.

2024 Meyi 18, Mgqibelo

Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa.

2024 Meyi 17, Lwesihlanu

Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
kaloku uyimvuze-mvuze bububele.

2024 Meyi 16, Lwesine

Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

2024 Meyi 15, Lwesithathu

Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.

2024 Meyi 14, Lwesibini

Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,
ndalucela uncedo kuThixo wam.
Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,
savakala kuye isikhalo sam.

2024 Meyi 13, Mvulo

Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule.

2024 Meyi 12, Cawe

Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu.

2024 Meyi 11, Mgqibelo

Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

2024 Meyi 10, Lwesihlanu

Khawukhangele, nanko esiza ekhatshwa ngamafu! Lonke uluntu luya kumbona, nkqu nabo bâmhlabáyo. Ewe, zonke izizwe ziya kungqukruleka zizisola. Injalo ke loo nto! Amen.

2024 Meyi 9, Lwesine

Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.

2024 Meyi 8, Lwesithathu

Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.

2024 Meyi 7, Lwesibini

Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

2024 Meyi 6, Mvulo

Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.

2024 Meyi 5, Cawe

Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;
kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.

2024 Meyi 4, Mgqibelo

Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.

2024 Meyi 3, Lwesihlanu

Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”

2024 Meyi 2, Lwesine

Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

2024 Meyi 1, Lwesithathu

Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. Ke mna noBawo sibanye.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela