DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Juni 2024)

2024 Juni 30, Cawe

Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –
nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.

2024 Juni 29, Mgqibelo

Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko.

2024 Juni 28, Lwesihlanu

Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo.

2024 Juni 27, Lwesine

Ilungisa alisoze ligungqe,
laye lingasoze lilibaleke.

2024 Juni 26, Lwesithathu

Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.

2024 Juni 25, Lwesibini

Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.

2024 Juni 24, Mvulo

Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;
ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge.

2024 Juni 23, Cawe

Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.

2024 Juni 22, Mgqibelo

Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke.

2024 Juni 21, Lwesihlanu

Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho.

2024 Juni 20, Lwesine

Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.

2024 Juni 19, Lwesithathu

UThixo yena akamntu;
akaxoki, akaguqu-guquki okomntu.
Akakufezekisi na akuthembisileyo?
Akakuphumelelisi na akuthethileyo?

2024 Juni 18, Lwesibini

Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.

2024 Juni 17, Mvulo

UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye.”

2024 Juni 16, Cawe

Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu osibabale ngazo zonke izipho zoMoya zasezulwini, sakuba simanywe noKrestu.

2024 Juni 15, Mgqibelo

Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.

2024 Juni 14, Lwesihlanu

Kodwa ke, njengoko zitshoyo iziBhalo: “Nabani na othanda ukuqhayisa, makaqhayise ngento eyenziwe yiNkosi.” Kaloku umntu owamkelekileyo ngulowo unconywa yiNkosi, ingenguye ozincoma ngokwakhe.

2024 Juni 13, Lwesine

Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;
isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.

2024 Juni 12, Lwesithathu

Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.

2024 Juni 11, Lwesibini

Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.

2024 Juni 10, Mvulo

Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,
uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
Amazwi am makangacimi emehlweni akho,
koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho.

2024 Juni 9, Cawe

Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,
yena uthi: “Qalisani kwangoku.
Buyelani kum ngamxhelo mnye
ngokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”

2024 Juni 8, Mgqibelo

Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”

2024 Juni 7, Lwesihlanu

Imimiselo kaNdikhoyo ilungile: ivuyis' intliziyo.
Imithetho kaNdikhoyo inyulu: ikhanyisel' amehl' indlela.

2024 Juni 6, Lwesine

Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.

2024 Juni 5, Lwesithathu

Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango.

2024 Juni 4, Lwesibini

Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,
bendinganiphokozela umoya wobulumko,
ndabelane nani ngolwazi lwam.

2024 Juni 3, Mvulo

Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.

2024 Juni 2, Cawe

Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.

2024 Juni 1, Mgqibelo

Abangenabani ubenzela izihlobo.
Amabanjwa uwakhokelela enyhwebeni;
ke bona abavukeli bohlala kwelingumqwebedu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela