DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Disemba 2023)

2023 Disemba 31, Cawe

Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.

2023 Disemba 30, Mgqibelo

Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.

2023 Disemba 29, Lwesihlanu

Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo
bosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.

2023 Disemba 28, Lwesine

Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.

2023 Disemba 27, Lwesithathu

UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.

2023 Disemba 26, Lwesibini

Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;
undigxothela ubumnyama, wena Thixo.

2023 Disemba 25, Mvulo

Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi onguKrestu iNkosi.

2023 Disemba 24, Cawe

Úya kuzala unyana, ùmthiye igama elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.

2023 Disemba 23, Mgqibelo

Ndikhoyo, wena unguThixo wam;
ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.

2023 Disemba 22, Lwesihlanu

UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.

2023 Disemba 21, Lwesine

Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.

2023 Disemba 20, Lwesithathu

Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.

2023 Disemba 19, Lwesibini

Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu.

2023 Disemba 18, Mvulo

Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.

2023 Disemba 17, Cawe

Yonke into inexesha layo;
umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni.

2023 Disemba 16, Mgqibelo

Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi.

2023 Disemba 15, Lwesihlanu

Wonke lo msebenzi wenziwa nguThixo. Nguye othe ngoYesu Krestu wasixolelanisa naye ngokwakhe, wasinika umsebenzi wokuxolelanisa.

2023 Disemba 13, Lwesithathu

Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.

2023 Disemba 12, Lwesibini

Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.

2023 Disemba 11, Mvulo

Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;
kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.

2023 Disemba 10, Cawe

Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.

2023 Disemba 9, Mgqibelo

Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.

2023 Disemba 8, Lwesihlanu

Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,
lona liyafana nemini yezolo,
lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.

2023 Disemba 7, Lwesine

Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.

2023 Disemba 6, Lwesithathu

Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba.

2023 Disemba 5, Lwesibini

Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

2023 Disemba 4, Mvulo

Masitsho singenadyudyu ke sithi:
“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?”

2023 Disemba 3, Cawe

Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.

2023 Disemba 2, Mgqibelo

Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,
ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.

2023 Disemba 1, Lwesihlanu

Nanjengoko nilusapho lukaThixo, makungakhankanywa phakathi kwenu ukurheletya nako konke ukungcola nokunyoluka.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela