DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Novemba 2023)

2023 Novemba 30, Lwesine

Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.

2023 Novemba 29, Lwesithathu

Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!
Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam!

2023 Novemba 28, Lwesibini

Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”

2023 Novemba 27, Mvulo

Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.

2023 Novemba 26, Cawe

InguNdikhoyo nje ondalusayo,
ndingaswela ntoni na?
Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,
andikhokelele kwimilambo empompozayo.

2023 Novemba 25, Mgqibelo

Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo yomthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo.

2023 Novemba 24, Lwesihlanu

Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo.

2023 Novemba 23, Lwesine

Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;
ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.

2023 Novemba 22, Lwesithathu

UKrestu unjengomzimba, wona unamalungu amaninzi, kodwa ube wona umnye.

2023 Novemba 21, Lwesibini

Ndobahlaziya abatyhafileyo, ndibondle abafa yindlala.

2023 Novemba 20, Mvulo

Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi.

2023 Novemba 19, Cawe

Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.

2023 Novemba 18, Mgqibelo

Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo.

2023 Novemba 17, Lwesihlanu

Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,
kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

2023 Novemba 16, Lwesine

Esi sisizathu esibangela ukuba abe nako ukubasindisa ngokupheleleyo abo beza ngaye kuThixo, njengoko ehlala ehleli ebathethelela.

2023 Novemba 15, Lwesithathu

Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.

2023 Novemba 14, Lwesibini

Kodwa ndithembe uthando lwakho olungajikiyo;
ndochulumacha kuba uyandihlangula.
Ndombonga uNdikhoyo, kuba endiphethe ngobubele.

2023 Novemba 13, Mvulo

Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.
Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.”

2023 Novemba 12, Cawe

Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.

2023 Novemba 11, Mgqibelo

Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,
ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.

2023 Novemba 10, Lwesihlanu

Zinikele eNkosini uYesu; uya kusindiswa wena nosapho lwakho.

2023 Novemba 9, Lwesine

Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha.

2023 Novemba 8, Lwesithathu

UNdikhoyo unenceba nesisa;
uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.

2023 Novemba 7, Lwesibini

Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.

2023 Novemba 6, Mvulo

Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.

2023 Novemba 5, Cawe

Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,
nina benza umyalelo wakhe.
Zingelan' ubulungisa nentobeko,
mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo.

2023 Novemba 4, Mgqibelo

Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.

2023 Novemba 3, Lwesihlanu

UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”

2023 Novemba 2, Lwesine

Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.

2023 Novemba 1, Lwesithathu

Akukho namnye umntu owakha wambona uThixo. Abantu bamazi uThixo ngokumaziswa nguNyana okukuphela kwakhe, yena okwanguThixo, ohlala ehleli esenyongweni kuYise.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela