DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Okthoba 2023)

2023 Okthoba 31, Lwesibini

Wena, Ndikhoyo, uhleli ngonaphakade;
ulawulo lwakho luhlala luhleli izizukulwana ngezizukulwana.

2023 Okthoba 30, Mvulo

Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –
nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:
kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,
uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.

2023 Okthoba 29, Cawe

Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe!

2023 Okthoba 28, Mgqibelo

Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.

2023 Okthoba 27, Lwesihlanu

Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, Ndikhoyo,
ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.

2023 Okthoba 26, Lwesine

Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.

2023 Okthoba 25, Lwesithathu

Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo.

2023 Okthoba 24, Lwesibini

Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;
kuphela ngumfazi ohlonela uNdikhoyo oya kubongwa.

2023 Okthoba 23, Mvulo

Ngoko ke ngoku nasi isishwankathelo salo mbandela: Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe, kuba oko luxanduva lomntu ngamnye.

2023 Okthoba 22, Cawe

Ke lowo ungowenyaniso uyeza ekukhanyeni, ukuze abonakale ngezenzo zakhe ukuba umthobele uThixo.

2023 Okthoba 21, Mgqibelo

Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.
Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya.

2023 Okthoba 20, Lwesihlanu

Ukuba ihlabathi lithe lanithiya, ze nikhumbule okokuba lathiya mna kuqala.

2023 Okthoba 19, Lwesine

Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe?

2023 Okthoba 18, Lwesithathu

Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki,
kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi.

2023 Okthoba 17, Lwesibini

Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga.

2023 Okthoba 16, Mvulo

Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.

2023 Okthoba 15, Cawe

Nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.
Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,
umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.

2023 Okthoba 14, Mgqibelo

Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.

2023 Okthoba 13, Lwesihlanu

Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.

2023 Okthoba 12, Lwesine

“Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
“Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

2023 Okthoba 11, Lwesithathu

Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.

2023 Okthoba 10, Lwesibini

Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.

2023 Okthoba 9, Mvulo

Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna.

2023 Okthoba 8, Cawe

Kaloku umthetho ufikelele esiphelweni ngoKrestu, khon' ukuze wonke umntu abe lilungisa kuba ekholwa.

2023 Okthoba 7, Mgqibelo

Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.

2023 Okthoba 6, Lwesihlanu

Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.

2023 Okthoba 5, Lwesine

Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.

2023 Okthoba 4, Lwesithathu

Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo.

2023 Okthoba 3, Lwesibini

Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.

2023 Okthoba 2, Mvulo

Ngoko ke zilumkeleni, hleze niphulukane nayo into ebeniyisebenzela. Zabalazani, khon' ukuze nilifumane linjengoko linjalo ibhaso lenu.

2023 Okthoba 1, Cawe

Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela