DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Septemba 2023)

2023 Septemba 30, Mgqibelo

Abathobela umyalelo wakho bahlala banelisekile;
kaloku akukho nto ingabaphazamisayo.

2023 Septemba 29, Lwesihlanu

Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe.

2023 Septemba 28, Lwesine

Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.

2023 Septemba 27, Lwesithathu

Makathi ntshoo phambili amehlo akho,
neenkophe zamehlo akho zithi ngqo.

2023 Septemba 26, Lwesibini

Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo.

2023 Septemba 25, Mvulo

Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo. Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi.

2023 Septemba 24, Cawe

Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;
nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo kaNdikhoyo.

2023 Septemba 23, Mgqibelo

Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.

2023 Septemba 22, Lwesihlanu

Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.

2023 Septemba 21, Lwesine

Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;
ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.

2023 Septemba 20, Lwesithathu

Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.

2023 Septemba 19, Lwesibini

Andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umJuda kuqala, kwanowolunye uhlanga ngokunjalo.

2023 Septemba 18, Mvulo

Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, Ndikhoyo;
ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe.

2023 Septemba 17, Cawe

Kufuneka nizahlulele mna, nibe ngabam ndedwa, kuba kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye mna ndahlukile. Ndanahlula kwezi ntlanga, ukuze nina nibe ngabam ndedwa.

2023 Septemba 16, Mgqibelo

Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke. Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.

2023 Septemba 15, Lwesihlanu

Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.

2023 Septemba 14, Lwesine

Ikholwa elihlelelekileyo malivuye lakuphakanyiswa nguThixo. Nekholwa elimi kakuhle nalo malizidle lakuthotywa nguThixo. Kaloku kwanesinhanha esi sithi shwaka njengentyatyambo esendle.

2023 Septemba 13, Lwesithathu

Kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.

2023 Septemba 12, Lwesibini

Kum ziluyolo izithethe zakho;
zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.

2023 Septemba 11, Mvulo

Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo.

2023 Septemba 10, Cawe

UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo.

2023 Septemba 9, Mgqibelo

Umntu owoyiswayo kukuzilawula usesichengeni
oku kwesixeko esindonga ziwileyo.

2023 Septemba 8, Lwesihlanu

Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.

2023 Septemba 7, Lwesine

Kaloku kufuneka nibe nomonde, ukuze niphumelele ukwenza ukuthanda kukaThixo, nisizuze nesithembiso sakhe.

2023 Septemba 6, Lwesithathu

Ewe, ndiyazibika, Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam;
ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani.

2023 Septemba 5, Lwesibini

Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.

2023 Septemba 4, Mvulo

Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.

2023 Septemba 3, Cawe

Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.

2023 Septemba 2, Mgqibelo

Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”

2023 Septemba 1, Lwesihlanu

Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,
nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela