DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Agasti 2023)

2023 Agasti 31, Lwesine

Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,
uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”

2023 Agasti 30, Lwesithathu

Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo.

2023 Agasti 29, Lwesibini

Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.

2023 Agasti 28, Mvulo

Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;
ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.

2023 Agasti 27, Cawe

Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.

2023 Agasti 26, Mgqibelo

Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.

2023 Agasti 25, Lwesihlanu

Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;
kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,
abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo.

2023 Agasti 24, Lwesine

Lo Yesu ngulowo zithi iziBhalo xa zithetha ngaye:
“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhi
laba lelona litye lesiseko.’”

2023 Agasti 23, Lwesithathu

Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.

2023 Agasti 22, Lwesibini

Thina singabancedisanayo emsebenzini kaThixo; intsimi kaThixo ke nini.
Ngenye indlela nisisakhiwo sikaThixo.

2023 Agasti 21, Mvulo

Ukukhula kobulumko kwandisa ukukhathazeka;
kanti ke nokukhula kolwazi kongeza iinzingo.

2023 Agasti 20, Cawe

Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.

2023 Agasti 19, Mgqibelo

Imini enye echithelwe kwakho, Thixo,
ingaphezulu kwewaka lemihla echithwe ndaweni yimbi.
Kubhetele ndibe ngumgcini-mnyango kwaThixo
ndaweni yokungqendeva phakathi kwezaphula-mthetho.

2023 Agasti 18, Lwesihlanu

Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.

2023 Agasti 17, Lwesine

Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

2023 Agasti 16, Lwesithathu

Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;
ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela.

2023 Agasti 15, Lwesibini

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.

2023 Agasti 14, Mvulo

Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.

2023 Agasti 13, Cawe

Kaloku wena wazi ndingekathethi;
ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha.

2023 Agasti 12, Mgqibelo

Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.

2023 Agasti 11, Lwesihlanu

Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.

2023 Agasti 10, Lwesine

Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla.

2023 Agasti 9, Lwesithathu

Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.

2023 Agasti 8, Lwesibini

Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wazishiya izono zakhe, wahamba ngokwayo yonke imimiselo yam, wenza okulungileyo nobulungisa, akayi kufa, kodwa uya kubudla ubomi.

2023 Agasti 7, Mvulo

Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,
wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi.

2023 Agasti 6, Cawe

Kuba kungaye sikho nje, sisuka-suka, siphilile. Kunjengoko zitshoyo ezinye zeembongi zenu ukuthi: ‘Nathi siyinzala yakhe.’

2023 Agasti 5, Mgqibelo

Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.

2023 Agasti 4, Lwesihlanu

Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;
ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.

2023 Agasti 3, Lwesine

Akukho mntu unokuloyisa ihlabathi ngaphandle kwalowo ukholwayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo.

2023 Agasti 2, Lwesithathu

ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.

2023 Agasti 1, Lwesibini

Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela