DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Julayi 2023)

2023 Julayi 31, Mvulo

Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.

2023 Julayi 30, Cawe

Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?

2023 Julayi 29, Mgqibelo

Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko;
ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala.

2023 Julayi 28, Lwesihlanu

Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu.

2023 Julayi 27, Lwesine

Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.

2023 Julayi 26, Lwesithathu

Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;
ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.

2023 Julayi 25, Lwesibini

Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa.

2023 Julayi 24, Mvulo

Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.

2023 Julayi 23, Cawe

Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;
nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda.

2023 Julayi 22, Mgqibelo

Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo.

2023 Julayi 21, Lwesihlanu

Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.

2023 Julayi 20, Lwesine

Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.

2023 Julayi 19, Lwesithathu

Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla.

2023 Julayi 17, Mvulo

Ukuba uyandiphulaphula uya kuba nako ukubuqonda ubulungisa,
ukwazi okufanelekileyo nokulungileyo.
Ewe, uya kutsho uyazi yonke indlela ethe ngqo.

2023 Julayi 16, Cawe

Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”

2023 Julayi 15, Mgqibelo

Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono.”

2023 Julayi 14, Lwesihlanu

Aa! Bayethe, Mhlekazi!
Hayi uyolo lomntu omthobelayo uNdikhoyo,
oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.

2023 Julayi 13, Lwesine

Quqelani kokulungileyo, ingekuko okubi,
khon' ukuze niphile,
naye uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, abe phakathi kwenu,
njengoko nizingca ngaloo nto.

2023 Julayi 12, Lwesithathu

Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.

2023 Julayi 11, Lwesibini

Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;
ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;
kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.

2023 Julayi 10, Mvulo

Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.

2023 Julayi 9, Cawe

Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.

2023 Julayi 8, Mgqibelo

Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;
khawubathamsanqele ke abantu bakho!

2023 Julayi 7, Lwesihlanu

Ezi zipho zisisiqinisekiso sezinto ezinkulu nezimangalisayo asenzela zona: uThixo usenza sibe nenxaxheba kubomi bakhe, sikuphephe ukonakaliswa lihlabathi elikhohlakeleyo.

2023 Julayi 6, Lwesine

Othe wakholwa kuNyana, unobomi obungonaphakade. Othe akamthobela uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihlala ihleli phezu kwakhe.

2023 Julayi 5, Lwesithathu

Ikratshi liyamwisa umntu;
kambe ke othobekileyo uba nesidima.

2023 Julayi 4, Lwesibini

Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.

2023 Julayi 3, Mvulo

Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini.

2023 Julayi 2, Cawe

Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,
ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.

2023 Julayi 1, Mgqibelo

Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela