DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Juni 2023)

2023 Juni 30, Lwesihlanu

Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.

2023 Juni 29, Lwesine

Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,
sihlala sijonge kuwe;
umnqweno neqhayiya lethu nguwe.

2023 Juni 28, Lwesithathu

Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.

2023 Juni 27, Lwesibini

Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.

2023 Juni 26, Mvulo

Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;
ndilondoloze ngenceba nenyaniso.

2023 Juni 25, Cawe

Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele, uyakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo.

2023 Juni 24, Mgqibelo

Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.

2023 Juni 23, Lwesihlanu

Ndanondla natsho nahlutha,
nathi ningahlutha nakhukhumala;
ewe, nasuka nandilibala.

2023 Juni 22, Lwesine

Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!

2023 Juni 21, Lwesithathu

Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.

2023 Juni 20, Lwesibini

Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ithemba lam.

2023 Juni 19, Mvulo

Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.

2023 Juni 18, Cawe

UFilipu wabhekisa kuYesu, wathi: “Nkosi, khawusibonise uYihlo; kosanelisa.”

2023 Juni 17, Mgqibelo

Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;
phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.

2023 Juni 16, Lwesihlanu

Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.

2023 Juni 15, Lwesine

Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.

2023 Juni 14, Lwesithathu

Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;
ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.

2023 Juni 13, Lwesibini

Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.

2023 Juni 12, Mvulo

Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;
kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.
Nale ke into ngamampunge.

2023 Juni 11, Cawe

Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo;
ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide.
Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe;
indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo.

2023 Juni 10, Mgqibelo

Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!

2023 Juni 9, Lwesihlanu

Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.

2023 Juni 8, Lwesine

Ugqibelele won' umyalelo kaNdikhoyo:
uhlaziya amandla.
Uthembekile wona,
kub' unik' isiyatha
ubulumko.

2023 Juni 7, Lwesithathu

Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.”

2023 Juni 6, Lwesibini

Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya.

2023 Juni 5, Mvulo

Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.

2023 Juni 4, Cawe

Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.

2023 Juni 3, Mgqibelo

Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.

2023 Juni 2, Lwesihlanu

Intiyo iphembelela ingxabano;
ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.

2023 Juni 1, Lwesine

Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela