DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Meyi 2023)

2023 Meyi 31, Lwesithathu

Ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.

2023 Meyi 30, Lwesibini

Ewe, Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.
Wena undazi ukusuka nokuhlala;
iingcamango zam uziqonda zingekaveli.

2023 Meyi 29, Mvulo

Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.

2023 Meyi 28, Cawe

Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.

2023 Meyi 27, Mgqibelo

Ade uThixo asithululele uMoya wakhe,
nentlango itsho ifane nomyezo weziqhamo,
imiyezo yeziqhamo ifane namahlathi.

2023 Meyi 26, Lwesihlanu

Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade.

2023 Meyi 25, Lwesine

Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.

2023 Meyi 24, Lwesithathu

Masikhe siziphengulule sizigocagoce iindlela zethu,
size sibuyele kuNdikhoyo.

2023 Meyi 23, Lwesibini

Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.

2023 Meyi 22, Mvulo

Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!

2023 Meyi 21, Cawe

Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,
nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.

2023 Meyi 20, Mgqibelo

Ndiya kuba ndibonisa ubungangamsha bam; ndibe ke ndiyazazisa kwintlaninge yezizwe. Baya kuqonda ukuba mna ndinguNdikhoyo.

2023 Meyi 19, Lwesihlanu

Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.

2023 Meyi 18, Lwesine

Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”
Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu!

2023 Meyi 17, Lwesithathu

Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu?

2023 Meyi 16, Lwesibini

Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!

2023 Meyi 15, Mvulo

Yibongeni iNkosi!
Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.

2023 Meyi 14, Cawe

Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.

2023 Meyi 13, Mgqibelo

Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.

2023 Meyi 12, Lwesihlanu

UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,
kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.

2023 Meyi 11, Lwesine

Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.

2023 Meyi 10, Lwesithathu

Ewe kambe, ndingade ndibe liciko lokuthetha iilwimi zabantu, ndide ndithethe nezezithunywa zezulu – kodwa ndingenalo uthando, intetho yam isuka ibe yingxolo nje, efana neyentsimbi ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.

2023 Meyi 9, Lwesibini

UNdikhoyo unobubele, ulungile.
Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.
Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,
abafundise indlela yakhe abalulamileyo.

2023 Meyi 8, Mvulo

UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.

2023 Meyi 7, Cawe

Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.

2023 Meyi 6, Mgqibelo

Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,
ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.

2023 Meyi 5, Lwesihlanu

Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.

2023 Meyi 4, Lwesine

Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.

2023 Meyi 3, Lwesithathu

Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!
Ngenxa yezibele zothando lwakho,
nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!
Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;
ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!

2023 Meyi 2, Lwesibini

Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo,
nithethe naye nithi:
“Sixolele bonke ubugwenxa bethu,
uze wamkele okulungileyo;
endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.”

2023 Meyi 1, Mvulo

Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela