DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2023)

2023 Epreli 30, Cawe

Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!

2023 Epreli 29, Mgqibelo

Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.

2023 Epreli 28, Lwesihlanu

Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.

2023 Epreli 27, Lwesine

Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho
ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo.

2023 Epreli 26, Lwesithathu

Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.

2023 Epreli 25, Lwesibini

Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.

2023 Epreli 24, Mvulo

Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;
kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.

2023 Epreli 23, Cawe

Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”

2023 Epreli 22, Mgqibelo

Ke ukuba ulithobele ilizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, wayenza ngononophelo imiyalelo endikunika yona namhlanje, uNdikhoyo uya kukuphakamisa kunazo zonke izizwe zehlabathi.

2023 Epreli 21, Lwesihlanu

Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?
Ngokuthobela ilizwi lakho.

2023 Epreli 20, Lwesine

Kaloku zonke izinto zeli hlabathi – iinkanuko zesimo esonakeleyo, ukubawa, namagugu obu bomi – aziveli kuThixo, koko zizinto zeli hlabathi.

2023 Epreli 19, Lwesithathu

Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.

2023 Epreli 18, Lwesibini

Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla.

2023 Epreli 17, Mvulo

Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.

2023 Epreli 16, Cawe

Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.

2023 Epreli 15, Mgqibelo

Iingxaki zakho ziphose kuNdikhoyo;
yena uya kukuxhasa, akayi kuze aliyekele ilungisa.

2023 Epreli 14, Lwesihlanu

Anikamboni nokumbona, kodwa niyamthanda. Niyakholwa nokukholwa kuye, naxa ningekamboni nje. Senizele naluchulumacho olungenakuchazwa, kuba seniyibona injongo yokholo lwenu; ndixela inkululeko yenu.

2023 Epreli 13, Lwesine

Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”

2023 Epreli 12, Lwesithathu

Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;
ndokugcina ndikomeleze,
ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’

2023 Epreli 11, Lwesibini

Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.

2023 Epreli 10, Mvulo

Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.

2023 Epreli 9, Cawe

Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Krestu, othe ngenceba wasinika ubomi obutsha ngokuvusa uYesu Krestu ekufeni!

2023 Epreli 8, Mgqibelo

Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,
njengoko kaloku sithembele kuwe.

2023 Epreli 7, Lwesihlanu

UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”
Baza benza amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe.

2023 Epreli 6, Lwesine

Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa:
kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo.

2023 Epreli 5, Lwesithathu

Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.

2023 Epreli 4, Lwesibini

Ewe, kholosani ngesisa seNkosi, nikhule nakuko ukwazana neNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu. Bobakhe ubungangamsha ngoku nangonaphakade! Amen.

2023 Epreli 3, Mvulo

Imfundiso yam iza kuchaphaza njengemvula,
itshone njengombeth' emhlabeni,
amazwi am awe njengomkhumezelo phezu kohlaza,
abe njengomvimbi phezu kotyani.

2023 Epreli 2, Cawe

Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”

2023 Epreli 1, Mgqibelo

Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;
liyandikhanyisela eluhambeni.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela