DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Matshi 2023)

2023 Matshi 31, Lwesihlanu

Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

2023 Matshi 30, Lwesine

Kambe ke, xa sisephantsi kwayo, ingqeqesho ayivakali iluyolo, koko ibuhlungu; kodwa ke abo bayinyamezelayo baba nobomi obusulungekileyo obuyondeleleneyo.

2023 Matshi 29, Lwesithathu

Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

2023 Matshi 28, Lwesibini

Naku okona kuzila ndikufunayo:
Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;
niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,
bakhululwe bonke abacinezelwa,
niyaphule idyokhwe yengcinezelo.

2023 Matshi 27, Mvulo

Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso.

2023 Matshi 26, Cawe

Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.

2023 Matshi 25, Mgqibelo

Ndiya kumemelela ndinemincili,
ndicule ngokuzimisela okukhulu
ngenxa yokuba undihlangule.

2023 Matshi 24, Lwesihlanu

Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.

2023 Matshi 23, Lwesine

Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.

2023 Matshi 22, Lwesithathu

Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.

2023 Matshi 21, Lwesibini

Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;
ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”

2023 Matshi 20, Mvulo

Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”

2023 Matshi 19, Cawe

Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,
abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke.

2023 Matshi 18, Mgqibelo

Le miyalelo kaNdikhoyo ndininika yona ze niyigcine, ningaze niyandise okanye niyinciphise.

2023 Matshi 17, Lwesihlanu

Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.

2023 Matshi 16, Lwesine

Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;
okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.

2023 Matshi 15, Lwesithathu

Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala.

2023 Matshi 14, Lwesibini

Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.

2023 Matshi 13, Mvulo

Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

2023 Matshi 12, Cawe

Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!

2023 Matshi 11, Mgqibelo

Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!

2023 Matshi 10, Lwesihlanu

Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,
aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo.

2023 Matshi 9, Lwesine

Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.

2023 Matshi 8, Lwesithathu

Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.

2023 Matshi 7, Lwesibini

Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ondikhululayo.

2023 Matshi 6, Mvulo

Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.

2023 Matshi 5, Cawe

Uewe wenu makabe nguewe, nohayi abe nguhayi. Okugqithe koko kuvela kongendawo.

2023 Matshi 4, Mgqibelo

Bambani ngazibini, kuba ulungile uNdikhoyo.
Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.

2023 Matshi 3, Lwesihlanu

Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.

2023 Matshi 2, Lwesine

Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu.

2023 Matshi 1, Lwesithathu

Baqhayisa ngeenqwelo zokulwa abanye, abanye ngamahashe;
thina siqhayisa ngoNdikhoyo uThixo wethu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;
ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela