DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2023)

2023 Februwari 28, Lwesibini

Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?

2023 Februwari 27, Mvulo

Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”

2023 Februwari 26, Cawe

Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;
sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.

2023 Februwari 25, Mgqibelo

Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.

2023 Februwari 24, Lwesihlanu

Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.

2023 Februwari 23, Lwesine

UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,
unobubele kuko konke akwenzayo.

2023 Februwari 22, Lwesithathu

Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe.

2023 Februwari 21, Lwesibini

Ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.

2023 Februwari 20, Mvulo

Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;
ulikhaka kwabazimela ngaye.

2023 Februwari 19, Cawe

NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye.

2023 Februwari 18, Mgqibelo

UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”

2023 Februwari 17, Lwesihlanu

UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;
uyasabela ndakuzibika kuye.
Njengoko endiphulaphula nje,
ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi.

2023 Februwari 16, Lwesine

Ngamathuba obumnandi yonwaba;
ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.
Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva.

2023 Februwari 15, Lwesithathu

Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.

2023 Februwari 14, Lwesibini

“Ewe, iintaba zingadilika,
ke zona iinduli zinyamalale,
kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo.

2023 Februwari 13, Mvulo

Yinjongo yakhe uThixo ukuyazisa kubantu bakhe le mfihlelo ixabiseke kunene, iqaqambileyo, ayilungiselele uluntu luphela. Yiyo le ke loo mfihlelo: uKrestu ungaphakathi kuni, ulithemba lewonga eniya kulifumana kuThixo.

2023 Februwari 12, Cawe

Siyazi ukuba sihlala simanyene naye, naye uhlala emanyene nathi, kuba usinike isabelo soMoya wakhe.

2023 Februwari 11, Mgqibelo

Khanifunde ukwenza okusesikweni;
zonke izinto zenzeni ngokomthetho.
Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;
kanti neenkedama zilungiseleleni;
ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi.

2023 Februwari 10, Lwesihlanu

Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.”

2023 Februwari 9, Lwesine

Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso.

2023 Februwari 8, Lwesithathu

Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,
utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge.

2023 Februwari 7, Lwesibini

Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.

2023 Februwari 6, Mvulo

Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.

2023 Februwari 5, Cawe

Noda niguge nibe ziingwevu
mna ndisengulowo unixhasayo.
Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;
ewe, ndonigcina ndinihlangule.

2023 Februwari 4, Mgqibelo

Lowo utya konke makangamdeli ozila ukutya okuthile, nalowo uzila ukutya okuthile makangamgwebi otya konke, kuba uThixo umamkele.

2023 Februwari 3, Lwesihlanu

Kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.

2023 Februwari 2, Lwesine

Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,
ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.
Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;
ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.

2023 Februwari 1, Lwesithathu

Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela