- Lo Yesu ngulowo zithi iziBhalo xa zithetha ngaye:
“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhi
laba lelona litye lesiseko.’” - Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.
- Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.
- Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
IPentekoste
Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene...
uMoya oyiNgcwele
INkosi le ke nguMoya...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Imimangaliso
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo.Ivesi elandelayo!
