- Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala. - Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,
yena uthi: “Qalisani kwangoku.
Buyelani kum ngamxhelo mnye
ngokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.” - Umdiliya usuke woma khwahla;
kanti wona umkhiwane uswamile.
Oomirharnati, isundu, nom-apile,
suka yabharha yonk' imithi.
Nasebantwini imivuyo iphelile.
Izihloko ezinxulumeneyo
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Uguqulo
Ukuba abantu bam abo...
Usizi
Uyaweva amalungisa akuzibika kuye...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;ndokugcina ndikomeleze,
ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’Ivesi elandelayo!