- Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;
oqaphelayo uya kukwazi oku.
Iindlela zikaNdikhoyo zithe ngqo.
Ke amalungisa ahamba ngazo;
ke bona abakreqi ziyabakhubekisa. - Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo,
nithethe naye nithi:
“Sixolele bonke ubugwenxa bethu,
uze wamkele okulungileyo;
endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.” - Ndanondla natsho nahlutha,
nathi ningahlutha nakhukhumala;
ewe, nasuka nandilibala. - Ukanti ke ndinguNdikhoyo uThixo wakho.
Mna ndakukhuphulula eJiputa.
AwunaThixo ngaphandle kwam,
kungekho namsindisi ingendim.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ukuqonda
Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Uguqulo
Ukuba abantu bam abo...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ukuthanda izinto eziphathekayo
Kaloku zange size nanto...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Wathi ke yena uYesu: “Asibobeli hlabathi ubukhosi bam. Xa bekunjalo amaphakathi am ebeya kundilwela, ukuze ndingabanjwa ngamaJuda, kodwa ke asibobalapha ubukhosi bam.”Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.Ivesi elandelayo!
