- Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;
nezisemnyameni izinto yena uyazazi.
Ngenene yena ulikhaya lokukhanya. - Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.
- Ndandingatyi kutya kodidi, nditsho nenyama nawayini zange ndizifake emlonyeni wam, yaye zange ndithambise nokuthambisa kwada kwadlula ezo veki zintathu.
- Wena Thixo woobawo, ndiyakudumisa,
ndikubulela kuba wena undizimasile.
Undithe jize ngobulumko namandla.
Nangoku wena undityhilele,
wawuphendula umthandazo wethu.
Ewe, usityhilele le nto ifunwa ngukumkani. - Sonile senza ubugwenxa nobubi! Sikuvukele sayityeshela imiyalelo nemithetho owasinika yona.
- Abantu abaninzi baya kuhlanjululwa, bacoceke, bacikizeke; ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kuqhubela phambili ngenkohlakalo yabo. Xa bebonke abakhohlakeleyo baya kuncitheka bangaqondi; ke zona izilumko ziya kuqonda.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
USomandla
Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
Kaloku nguwe udumo lwam.Ivesi elandelayo!
