- Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala. - Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,
yena uthi: “Qalisani kwangoku.
Buyelani kum ngamxhelo mnye
ngokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.” - Umdiliya usuke woma khwahla;
kanti wona umkhiwane uswamile.
Oomirharnati, isundu, nom-apile,
suka yabharha yonk' imithi.
Nasebantwini imivuyo iphelile.
Izihloko ezinxulumeneyo
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Uguqulo
Ukuba abantu bam abo...
Usizi
Uyaweva amalungisa akuzibika kuye...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”Ivesi elandelayo!
