- Quqelani kokulungileyo, ingekuko okubi,
khon' ukuze niphile,
naye uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, abe phakathi kwenu,
njengoko nizingca ngaloo nto. - Utsho ke uNdikhoyo kwindlu kaSirayeli ukuthi:
“Quqelani kum, niphile.” - Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,
nobulungisa njengomsinga ongatshiyo. - Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo abashumayeli.
- Ulobhotwe lakhe lakhiw' ezulwini,
amis' uphahla lwesibhakabhaka phezu komhlaba;
ulobiz' amanz' olwandle awagalele phezu komhlaba –
nguNdikhoyo igama lakhe. - Ulodala iintaba, adal' umoya,
ulozityhilayo iinjongo zakhe eluntwini,
ulojik' umsobomvu kuvel' urhatyazo,
ulonyathela imimango ephakamileyo yomhlaba,
nguNdikhoyo uThixo onamandla onke igama lakhe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukufuna
Nondifuna nindifumane, xa nindifuna...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
Ubungcwele
Xa ke kanti, mawethu...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.
