DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

ULUKA 16

  • Kwakulawula umthetho kaMosis nezibhalo zabashumayeli bamandulo kwada kwaba yimihla kaYohane umbhaptizi. Ukususela ngoko kushunyayelwa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo oluthwasileyo. Ke bonke beza kulo begxalathelana.
  • Sathi, sikwelabafileyo, saphakamisa amehlo aso sisentuthumbeni, sambona uAbraham ekude, uLazaro enaye. Samemeza ke, sathi: ‘Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam, kuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye!’