- Othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.
- Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.
- Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Ukwamkela
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo.Ivesi elandelayo!
