- Kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa ‘uThixo wabenza bayindoda nomfazi. Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane.’ Ngako oko ke àbasebabini; banye. Abo ke ngoko uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.
- Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”
- Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba ngunina, nokuba nguyise, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezimnandi, ongayi kuthi amkele kalikhulu: izindlu, nabantakwabo, noodade wabo, noonina, nabantwana, namasimi, zikunye neentshutshiso kweli phakade; aze ke athi kwelizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.”
- Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
- Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.
Izihloko ezinxulumeneyo
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Umtshato
Umntu ofumene umfazi uzuze...
Umzimba
Anazi na ukuba imizimba...
Ngesondo
UThixo uthanda ukuba nibe...
Imimangaliso
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.”Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”Ivesi elandelayo!
