DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UMARKO 7

  • Wathi kubo: “Nikwanje nani na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke akutyayo umntu, akunako ukumngcolisa? Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungena esiswini, kuze kuphume xa aye ngasese.” Ngala mazwi uYesu wayesithi zonke izidlo zihlambulukile.
  • Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo. Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala, ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa. Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela