DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

2025 Septemba 21

1 KWABASEKORINTE 9:27 - XHO96
Ndiwuphatha gadalala umzimba wam, ndiwuqhelisa, ukuze uhlale ulawuleka; hleze ndithi ndakuba ndibashumayezile abanye, mna ngokwam ndingamkeleki.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Mna ndiya kuxhamla inkululeko,
kuba ndihamba ngemimiselo yakho.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela