2025 Septemba 23, Lwesibini
Kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.2025 Septemba 22, Mvulo
Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”
2025 Septemba 21, Cawe
Ndiwuphatha gadalala umzimba wam, ndiwuqhelisa, ukuze uhlale ulawuleka; hleze ndithi ndakuba ndibashumayezile abanye, mna ngokwam ndingamkeleki.2025 Septemba 20, Mgqibelo
Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”2025 Septemba 19, Lwesihlanu
Ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?
2025 Septemba 18, Lwesine
Ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.2025 Septemba 17, Lwesithathu
Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala.
2025 Septemba 16, Lwesibini
Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni,ukuze ihambo yakho iqiniseke.
2025 Septemba 15, Mvulo
Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.2025 Septemba 14, Cawe
Siyazi ukuba sihlala simanyene naye, naye uhlala emanyene nathi, kuba usinike isabelo soMoya wakhe.2025 Septemba 13, Mgqibelo
Mbonge uNdikhoyo, moya wam!Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!
2025 Septemba 12, Lwesihlanu
Bathi bebonke bavume bengafihlisiukuba uYesu Krestu yiNkosi,
bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo.
2025 Septemba 11, Lwesine
Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana.2025 Septemba 10, Lwesithathu
Lowo uwubopha ngomkhala umlomo wakhe ukhusela ubomi bakhe;kanti ke yena othetha gqitha uyazenzakalisa.
2025 Septemba 9, Lwesibini
Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.2025 Septemba 8, Mvulo
Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.2025 Septemba 7, Cawe
Ndomemelela ngemincili,ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.
2025 Septemba 6, Mgqibelo
Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.2025 Septemba 5, Lwesihlanu
Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!2025 Septemba 4, Lwesine
Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.
2025 Septemba 3, Lwesithathu
Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.2025 Septemba 2, Lwesibini
Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!2025 Septemba 1, Mvulo
UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,unobubele kuko konke akwenzayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...