DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Agasti 2025

2025 Agasti 31, Cawe

Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.

2025 Agasti 30, Mgqibelo

Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.

2025 Agasti 29, Lwesihlanu

Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,
kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.

2025 Agasti 28, Lwesine

Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono.”

2025 Agasti 27, Lwesithathu

NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye.

2025 Agasti 26, Lwesibini

Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,
kuba ndibufumana kuyo ubomi.

2025 Agasti 25, Mvulo

Aba bantu bamkele uMoya oyiNgcwele njengoko samamkelayo nathi. Ngenene ke akukho namnye umntu ongalayo ukuba aba bantu babhaptizwe ngamanzi.

2025 Agasti 24, Cawe

Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.

2025 Agasti 23, Mgqibelo

Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;
ndive, ndakuzibika kuwe.
Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,
kuba ndiselugcinweni lwakho,
nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.

2025 Agasti 22, Lwesihlanu

Kuba kaloku oko besisengama-athalala, uKrestu uthe ngexesha elimiswe nguThixo, wabafela abangamhloneliyo uThixo.

2025 Agasti 21, Lwesine

Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;
oqaphelayo uya kukwazi oku.
Iindlela zikaNdikhoyo zithe ngqo.
Ke amalungisa ahamba ngazo;
ke bona abakreqi ziyabakhubekisa.

2025 Agasti 20, Lwesithathu

Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;
nezisemnyameni izinto yena uyazazi.
Ngenene yena ulikhaya lokukhanya.

2025 Agasti 19, Lwesibini

UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”

2025 Agasti 18, Mvulo

Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.

2025 Agasti 17, Cawe

Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,
bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;
koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho
nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.

2025 Agasti 16, Mgqibelo

Abe njengaye uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

2025 Agasti 15, Lwesihlanu

Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.

2025 Agasti 14, Lwesine

Khanifunde ukwenza okusesikweni;
zonke izinto zenzeni ngokomthetho.
Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;
kanti neenkedama zilungiseleleni;
ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi.

2025 Agasti 13, Lwesithathu

Kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe indoda.

2025 Agasti 12, Lwesibini

Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”

2025 Agasti 11, Mvulo

Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;
abangazi nto libanika ukuqonda.

2025 Agasti 10, Cawe

Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.

2025 Agasti 9, Mgqibelo

Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.

2025 Agasti 8, Lwesihlanu

Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.

2025 Agasti 7, Lwesine

Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.”

2025 Agasti 6, Lwesithathu

Ihlabathi nazo zonke izinto ezinqwenelwa ngabantu zezomzuzwana, ziyadlula, kodwa yena owenza ukuthanda kukaThixo uya kuhlala ehleli.

2025 Agasti 5, Lwesibini

Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,
utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge.

2025 Agasti 4, Mvulo

Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.

2025 Agasti 3, Cawe

Bathi abantu kuYoshuwa: “Thina sokhonza uNdikhoyo uThixo wethu, siphulaphule ilizwi lakhe.”

2025 Agasti 2, Mgqibelo

Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;
ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya.

2025 Agasti 1, Lwesihlanu

UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo.