DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Julayi 2025

2025 Julayi 31, Lwesine

Okuzalwa yinyama negazi kuyinyama negazi; okuzalwa nguMoya kunguMoya.

2025 Julayi 30, Lwesithathu

Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;
ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

2025 Julayi 29, Lwesibini

Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.

2025 Julayi 28, Mvulo

Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.

2025 Julayi 27, Cawe

Hayi, akakh' onjengawe;
hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!
Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu!

2025 Julayi 26, Mgqibelo

Kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.

2025 Julayi 25, Lwesihlanu

Kodwa ke kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,
zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”

2025 Julayi 24, Lwesine

Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,
awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.
UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,
ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.

2025 Julayi 23, Lwesithathu

Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! Amen.

2025 Julayi 22, Lwesibini

Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.

2025 Julayi 21, Mvulo

Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona!

2025 Julayi 20, Cawe

Ze ningabi ndize kuchitha umthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa.

2025 Julayi 19, Mgqibelo

Iziyalo nezicwangciso ngokunjalo nemimiselo eniyinikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ze niyithobele ngenyameko.

2025 Julayi 18, Lwesihlanu

UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,
umphakamisi wâbo bawileyo.
UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.

2025 Julayi 17, Lwesine

Kodwa yena ongenalo uthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.

2025 Julayi 15, Lwesibini

Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;
unyawo lwakho malubucezele ububi.

2025 Julayi 14, Mvulo

Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama?

2025 Julayi 13, Cawe

Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo.

2025 Julayi 12, Mgqibelo

Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,
ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.

2025 Julayi 11, Lwesihlanu

Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.

2025 Julayi 10, Lwesine

Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?

2025 Julayi 9, Lwesithathu

Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo;
umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.

2025 Julayi 8, Lwesibini

UThixo wayewayeke ngabom loo maxesha apho abantu babengazi. Kungokunje uyalela abantu bonke, ezindaweni zonke, ukuba baguquke ezindleleni zabo ezimbi.

2025 Julayi 7, Mvulo

“Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke.

2025 Julayi 6, Cawe

Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;
ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho.

2025 Julayi 5, Mgqibelo

Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo.”

2025 Julayi 4, Lwesihlanu

Kaloku uNyana woLuntu selesiza, esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe. Akufika uya kubabuyekeza bonke ngabanye ngokwezenzo zabo.

2025 Julayi 3, Lwesine

Yaz'ba ngubani na umphembi wale ntlekele?
Ngubani owasimiselayo esi sishiqi?
Mna Ndikhoyo, yaba ndim kwasekuqaleni;
ewe, yoba isendim nasekugqibeleni.

2025 Julayi 2, Lwesithathu

Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!

2025 Julayi 1, Lwesibini

Athembekile la mazwi athi:
“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.”