2025 Juni 30, Mvulo
Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.
2025 Juni 29, Cawe
Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.2025 Juni 28, Mgqibelo
Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
UThixo wam yena uya kundiva.
2025 Juni 27, Lwesihlanu
Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
Kaloku nguwe udumo lwam.
2025 Juni 26, Lwesine
Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu.2025 Juni 25, Lwesithathu
Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.2025 Juni 24, Lwesibini
Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule.
2025 Juni 23, Mvulo
Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.2025 Juni 22, Cawe
Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.2025 Juni 21, Mgqibelo
Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.
2025 Juni 20, Lwesihlanu
Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.2025 Juni 19, Lwesine
Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.2025 Juni 18, Lwesithathu
Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!Ewe, thembela kuNdikhoyo wena!
2025 Juni 17, Lwesibini
Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.2025 Juni 16, Mvulo
Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.2025 Juni 15, Cawe
Unyana osisilumko ulibhongo likayise,ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.
2025 Juni 14, Mgqibelo
Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.2025 Juni 13, Lwesihlanu
Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa.2025 Juni 12, Lwesine
Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.
2025 Juni 11, Lwesithathu
Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.2025 Juni 10, Lwesibini
Emhlabeni akukho mntu ulilungisaowenza okuhle kuphela angoni.
2025 Juni 9, Mvulo
Hayi ukuvuya komntu oyaziyo impendulo echanekileyo!Ewe, ilizwi elithethwe ngexesha elililo lihle kunene.
2025 Juni 8, Cawe
Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.2025 Juni 7, Mgqibelo
Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?2025 Juni 6, Lwesihlanu
InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?
InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani?
2025 Juni 5, Lwesine
Ekugqibeleni ke, mawethu, ndithi salani kakuhle. Zamelani ukuba ningabi nampazamo; zigqaleni iziyalo; visisanani, nihlale ngoxolo. Ngoko ke uThixo wothando noxolo uya kuba nani.2025 Juni 4, Lwesithathu
Bonke abonileyo bengekho phantsi komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.2025 Juni 3, Lwesibini
Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.
2025 Juni 2, Mvulo
Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.2025 Juni 1, Cawe
Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,andinadyudyu.
Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;
isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam.Ivesi elandelayo!