DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Juni 2025

2025 Juni 30, Mvulo

Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.

2025 Juni 29, Cawe

Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.

2025 Juni 28, Mgqibelo

Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
UThixo wam yena uya kundiva.

2025 Juni 27, Lwesihlanu

Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.
Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
Kaloku nguwe udumo lwam.

2025 Juni 26, Lwesine

Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu.

2025 Juni 25, Lwesithathu

Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.

2025 Juni 24, Lwesibini

Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;
sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule.

2025 Juni 23, Mvulo

Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.

2025 Juni 22, Cawe

Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.

2025 Juni 21, Mgqibelo

Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,
ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.

2025 Juni 20, Lwesihlanu

Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.

2025 Juni 19, Lwesine

Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.

2025 Juni 18, Lwesithathu

Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!
Ewe, thembela kuNdikhoyo wena!

2025 Juni 17, Lwesibini

Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.

2025 Juni 16, Mvulo

Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.

2025 Juni 15, Cawe

Unyana osisilumko ulibhongo likayise,
ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.

2025 Juni 14, Mgqibelo

Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.

2025 Juni 13, Lwesihlanu

Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa.

2025 Juni 12, Lwesine

Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;
kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.

2025 Juni 11, Lwesithathu

Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.

2025 Juni 10, Lwesibini

Emhlabeni akukho mntu ulilungisa
owenza okuhle kuphela angoni.

2025 Juni 9, Mvulo

Hayi ukuvuya komntu oyaziyo impendulo echanekileyo!
Ewe, ilizwi elithethwe ngexesha elililo lihle kunene.

2025 Juni 8, Cawe

Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.

2025 Juni 7, Mgqibelo

Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?

2025 Juni 6, Lwesihlanu

InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,
inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?
InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani?

2025 Juni 5, Lwesine

Ekugqibeleni ke, mawethu, ndithi salani kakuhle. Zamelani ukuba ningabi nampazamo; zigqaleni iziyalo; visisanani, nihlale ngoxolo. Ngoko ke uThixo wothando noxolo uya kuba nani.

2025 Juni 4, Lwesithathu

Bonke abonileyo bengekho phantsi komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.

2025 Juni 3, Lwesibini

Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,
kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.

2025 Juni 2, Mvulo

Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.

2025 Juni 1, Cawe

Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.