DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Okthoba 2025

2025 Okthoba 31, Lwesihlanu

Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!
Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.

2025 Okthoba 30, Lwesine

Njengokuba ke isono salawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lulawula ngokwenziwa kwethu amalungisa nguThixo. Lonu lusikhokelela ebomini obungonaphakade ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu.

2025 Okthoba 29, Lwesithathu

Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.

2025 Okthoba 28, Lwesibini

Usixolele amatyala ethu,
njengokuba nathi sibaxolela abasonayo.

2025 Okthoba 27, Mvulo

Guqukani! Rhoxani kuzo zonke izikreqo enizenzayo, ukuze ningatshabalali ngenxa yenkohlakalo yenu.

2025 Okthoba 26, Cawe

Lushumayele udaba, zingisa ukuluvakalisa ngamathuba alungileyo naxakileyo. Baqononondise abantu, ukhalime, ubakhuthaze, ufundisa ngomonde.

2025 Okthoba 25, Mgqibelo

Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.

2025 Okthoba 24, Lwesihlanu

Ngokunjalo ndithi kuni kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.

2025 Okthoba 23, Lwesine

Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.

2025 Okthoba 22, Lwesithathu

Bambani ngazibini, kuba ulungile uNdikhoyo.
Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.

2025 Okthoba 21, Lwesibini

Nabu ke obo bungqina: bukukuba uThixo usinike ubomi obungenasiphelo, bomi obo sibuzuza ngokumanywa noNyana.

2025 Okthoba 20, Mvulo

Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.

2025 Okthoba 19, Cawe

Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;
nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.

2025 Okthoba 18, Mgqibelo

Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”

2025 Okthoba 17, Lwesihlanu

Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.

2025 Okthoba 16, Lwesine

Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe;
ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe.

2025 Okthoba 15, Lwesithathu

Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu.

2025 Okthoba 14, Lwesibini

IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”

2025 Okthoba 13, Mvulo

UThixo olizwi ndilidumisayo
ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.

2025 Okthoba 12, Cawe

Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

2025 Okthoba 11, Mgqibelo

Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.

2025 Okthoba 10, Lwesihlanu

Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;
ulikhaka kwabazimela ngaye.

2025 Okthoba 9, Lwesine

Xa nisenza ngokwemimiselo yam, niyithobela imiyalelo yam, ndiya kunipha imvula ngexesha, uze umhlaba wenu uvelise isivuno, nemithi ithwale iziqhamo.

2025 Okthoba 8, Lwesithathu

Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu.

2025 Okthoba 7, Lwesibini

Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ondikhululayo.

2025 Okthoba 6, Mvulo

Phofu ke yena umntu ongayenziyo imfanelo yakhe nakuba eyazi, unetyala.

2025 Okthoba 5, Cawe

Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.

2025 Okthoba 4, Mgqibelo

Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,
kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.

2025 Okthoba 3, Lwesihlanu

Kaloku ngoKrestu uThixo wayelixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engasababeki tyala abantu ngezono zabo, waza wasiphathisa umsebenzi woxolelaniso.

2025 Okthoba 2, Lwesine

NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?

2025 Okthoba 1, Lwesithathu

Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;
velana nathi usisindise!