2025 Novemba 30, Cawe
Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.
2025 Novemba 29, Mgqibelo
Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.2025 Novemba 28, Lwesihlanu
Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.2025 Novemba 27, Lwesine
Unethamsanqa umntu onika ngesisa,lowo ungayiqhubi ngobuqhetseba imicimbi yakhe.
2025 Novemba 26, Lwesithathu
Wathatha isonka ke, wabulela, wasiqhekeza, wabanika esithi: “Ngumzimba wam lo onikelwa ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.”2025 Novemba 25, Lwesibini
UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.2025 Novemba 24, Mvulo
Imfundiso yam iza kuchaphaza njengemvula,itshone njengombeth' emhlabeni,
amazwi am awe njengomkhumezelo phezu kohlaza,
abe njengomvimbi phezu kotyani.
2025 Novemba 23, Cawe
Kodwa uNdikhoyo nize nimthobele nimkhonze ninyanisekile ngomxhelo uphela. Kaloku nizibonile ukuba zinkulu kwazo izinto anenzele zona.2025 Novemba 22, Mgqibelo
Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.2025 Novemba 21, Lwesihlanu
Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke.
2025 Novemba 20, Lwesine
Qondani kaloku nizikise ukuba uNdikhoyo uThixo wenu uyaniqeqesha njengomzali eqeqesha abantwana bakhe.2025 Novemba 19, Lwesithathu
Inye kuphela ke into endiyifunayo: kukwazana noKrestu, ndize nam ndiweve ukusebenza kwawo amandla okuvuka kwakhe, ndibe nenxaxheba kwiimbandezelo zakhe, ndimanywe naye ekufeni kwakhe.2025 Novemba 18, Lwesibini
Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!2025 Novemba 17, Mvulo
Njengokuba ke sisazi ukuba uyaziphulaphula izicelo zethu, ngokunjalo ke siyazi ukuba izinto esizicelayo sesiziphiwe.2025 Novemba 16, Cawe
Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!2025 Novemba 15, Mgqibelo
NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;nguye omenza akholeke kuye.
2025 Novemba 14, Lwesihlanu
Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.2025 Novemba 13, Lwesine
Ewe, kholosani ngesisa seNkosi, nikhule nakuko ukwazana neNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu. Bobakhe ubungangamsha ngoku nangonaphakade! Amen.2025 Novemba 12, Lwesithathu
Kum uxabisekile ke kambe;yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.
2025 Novemba 11, Lwesibini
Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.2025 Novemba 10, Mvulo
Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”2025 Novemba 9, Cawe
Ndiswel' imilomo yokukubonga,ndikudumise maxa onke.
2025 Novemba 8, Mgqibelo
Ewe kambe, ndingade ndibe liciko lokuthetha iilwimi zabantu, ndide ndithethe nezezithunywa zezulu – kodwa ndingenalo uthando, intetho yam isuka ibe yingxolo nje, efana neyentsimbi ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.2025 Novemba 7, Lwesihlanu
Kuba iziBhalo zithi:“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”
2025 Novemba 6, Lwesine
Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo.
2025 Novemba 5, Lwesithathu
Kaloku udaba lukaThixo aluzanga ngokuzithandela komntu, koko abantu baluthetha udaba lukaThixo beqhutywa lifuthe loMoya oyiNgcwele.2025 Novemba 4, Lwesibini
Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso.2025 Novemba 3, Mvulo
Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;masizonwabise sibe nemihlali ngayo.
2025 Novemba 2, Cawe
Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.2025 Novemba 1, Mgqibelo
Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.
Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...