DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Disemba 2025

2025 Disemba 9, Lwesibini

Makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki.

2025 Disemba 8, Mvulo

Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.

2025 Disemba 7, Cawe

Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.

2025 Disemba 6, Mgqibelo

Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;
uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;
ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.

2025 Disemba 5, Lwesihlanu

Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.

2025 Disemba 4, Lwesine

Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu?

2025 Disemba 3, Lwesithathu

Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?
Ngokuthobela ilizwi lakho.

2025 Disemba 2, Lwesibini

Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.

2025 Disemba 1, Mvulo

Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.