DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Disemba 2025

2025 Disemba 31, Lwesithathu

Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

2025 Disemba 30, Lwesibini

Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.

2025 Disemba 29, Mvulo

Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.

2025 Disemba 28, Cawe

Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,
wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;
undibonelele ndatsho ndazimaseka.
Undimise endaweni ephangaleleyo;
azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

2025 Disemba 27, Mgqibelo

Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”

2025 Disemba 26, Lwesihlanu

Nantsi indlela asibonise ukusithanda kwakhe ngayo uThixo: Wathumela uNyana okuphela kwakhe emhlabeni, ukuze thina sidle ubomi ngaye.

2025 Disemba 25, Lwesine

Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo.

2025 Disemba 24, Lwesithathu

Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.”

2025 Disemba 23, Lwesibini

Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.”

2025 Disemba 22, Mvulo

Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.

2025 Disemba 21, Cawe

UNdikhoyo unobubele, ulungile.
Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.
Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,
abafundise indlela yakhe abalulamileyo.

2025 Disemba 20, Mgqibelo

Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso.

2025 Disemba 19, Lwesihlanu

Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.

2025 Disemba 18, Lwesine

Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,
iyiphulaphule imithandazo yawo.
Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.

2025 Disemba 17, Lwesithathu

Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.

2025 Disemba 16, Lwesibini

Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.

2025 Disemba 15, Mvulo

UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayo
nabo bathembe izibele zenceba yakhe.

2025 Disemba 14, Cawe

Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.

2025 Disemba 13, Mgqibelo

Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.

2025 Disemba 12, Lwesihlanu

Masintyiloze sidumise uNdikhoyo,
kuba wenze imisebenzi emikhulukazi;
olu daba malufikelele ehlabathini jikelele.

2025 Disemba 11, Lwesine

Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo.

2025 Disemba 10, Lwesithathu

Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.

2025 Disemba 9, Lwesibini

Makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki.

2025 Disemba 8, Mvulo

Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.

2025 Disemba 7, Cawe

Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.

2025 Disemba 6, Mgqibelo

Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;
uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;
ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.

2025 Disemba 5, Lwesihlanu

Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.

2025 Disemba 4, Lwesine

Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu?

2025 Disemba 3, Lwesithathu

Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?
Ngokuthobela ilizwi lakho.

2025 Disemba 2, Lwesibini

Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.

2025 Disemba 1, Mvulo

Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.